Umyalezo ovela kwiGosa eliyiNtloko
Emva kweenyanga ezili-18 lixesha lokuba sithi enkosi!
INkqubo yokuBeleka ye-GEMS - Ukwenza ukuba ukukhulelwa kube lula kakhulu
Iintsuku zokuhlolwa kwempilo ze-GEMS - Ukuzisa impilo engcono ngqo kuwe
Sithumelele iinkcukacha ze-ID yakho
Ukuvuselelwa kwekontraki yengqesho: Qiniseka ukuba ukugcwaliswa kwamaphepha kwenziwe!
Iinyanga ezintathu ungahlawuli: Indawo esengozini kwiibhenefithi
Xela aboni kubuqhetseba
Sesiphakathi ku-2009 kwaye siphakathi ebusika. Njengoko iintsuku zisiba mfutshane kwaye zisiya zibanda, sinethemba lokuzisa ukufudumala nokukhululeka kuwe ngohlelo lwethu lwesibini lwe-2009.
I-Facets entsha ifumene usabelo olonwabisayo oluvela kumalungu kwaye siyathemba ukuba uzakulufumanisa lunomdla, linomtsalane kwaye luluncedo olu hlelo.
Amabali obomi ayinyani
Xa umntu ecinga ukuba imisebenzi ye-GEMS ijolise ngokupheleleyo ekugcineni amalungu ethu angaphezulu kwama-350 000 onwabile kwaye esempilweni, kuyamangalisa ukuba kunqabe kangakanani na ukwabelana ngamabali ayinyani - kaninzi aneziphelo ezonwabisayo - zamalungu ethu. Elinye ibali elinjalo, lelikaMzimasi Ngqelu kunye nokuba wabuyiswa njani na kukhuko lokufa, elisanda kufika kutsha nje kwii-ofisi zethu. Saye sachukumiseka sonke ziimpembelelo i-GEMS eye yanazo kubomi bukaMzimasi. Andizikulenza ukuba lingabi namdla ibali ngokubalisa yonke into apha; kodwa ukuba utyhila kwiphepha elilandelayo ungalifunda eli bali likhuthazayo.
Kolu hlelo sikwaveza olwethu ukhuphiswano lwamalungu, i-Sisonke, evuselelwe ngamava kaMzimasi. Siyakukhuthaza ukuba ungenele olu khuphiswano kuba singathanda ukwazi ukuba i-GEMS ibuchukumise njani na ubomi bakho.
Nangona siphakathi ku-2009, sele sazise iinkonzo ezintsha zamalungu. Kolu hlelo uzakufunda ngokungaphaya malunga neNkqubo yokuBeleka yethu ekhethekileyo, eyasekwa ngowo-1 Meyi 2009 kwaye ebonelela amalungu akhulelweyo ngenkxaso, imfundo kunye namacebo kwibakala ngalinye lokukhulelwa kwawo kunye nangexesha elisemva kokuba ebelekile.
Siseke iintsuku zokuhlolwa kwempilo ze-GEMS, ezizisa iinkonzo zokuhlolwa kwempilo kuwe emsebenzini wakho. Enye inkonzo entsha eveziweyo kolu hlelo kukuKhangela iiBhenefithi nge-SMS (SMS Benefit Lookup) yethu, leyo amalungu akhuthazwayo ukuba ayisebenzise. Kuphela nje ekufuneka ukwenze kukumisela ukuba zeziphi iibhenefithi onazo phambi kokuba wenze ibango kwaye uthumela i-SMS kwiSikim sakho esigqwesileyo, kwaye siyakubuyela kuwe kwimizuzwana nje engephi kunye nalo lonke ulwazi olufunayo!
Nganye kwezi nkonzo zintsha ichazwe ngokweenkcukacha ngokungaphaya kweli phetshana - ngoko ke qiniseka ukuba ufunda konke malunga nayo. Ekulungiseni lo myalezo ndizamile, njengoko ndihlala ndisenza, ukubonisa amalungu ethu ukuba i- GEMS iqhuba ngokungadinwayo ukulandela ukugqwesa. Ubulungu buyaqhuba bukhula kwaye amalungu ethu athathwa kwaye ephathwa njengabantu abafanelwe zezona nkonzo zokusebenza zigqwesileyo.
Ubomi buka Mnu. Mzimasi Ngqelu's baye batshintsha ngokupheleleyo ukusukela kolo suku lubi awaphantse wasweleka ngalo kwingozi embi yemoto. Kodwa uNgqelu, uSekela Mlawuli: kwezoNxibelelwano, kwiSebe lamaShishini kaRhulumente, olilungu le-GEMS, akalikhumbulanga olo suku ukudlula ngexesha kutsha nje afumene ngalo ibhili yezonyango yokugqibela eposini.
Waye watshintshelwa kwiziko lokubuyisela kwimo yesiqhelo abonzakeleyo e- Kensington, e-Johannesburg, apho wafumana unyango lokuziqhelanisa nokusebenzisa amalungu omzimba kunye nohlolo lwengqondo. NgoJanuwari
Sinebhongo lokuvakalisa ukuba abaxhamli ngoku banofikelelo kwiNkqubo yokuBeleka ye-GEMS entsha. Inkqubo yaphunyezwa ngomhla woku-1 Meyi 2009 kwaye ibonelela abaxhamli abakhulelweyo ngenkxaso, imfundo kunye namacebo kuwo onke amabakala okukhulelwa kwabo kunye nangexesha elisemva kokubeleka.
Isebenza njani inkqubo?
Le nkqubo yonganyelwe ngabaphathi abasebenza ngayo, abangabongikazi ababhalisiweyo abanamava abaneziqinsekiso ezongezelelweyo zokubelekisa. Bayakukunceda ngenkqubo yokubhalisa kwaye kunokuqhagamshelwana nabo ngalo naliphi na ibakala lokukhulelwa kwakho ngoncedo kunye nolwazi.
Abaxhamli bafumana uyilo lokhathalelo lobuqu oluchaza iinkonzo zokubeleka ezivunywe yi-GEMS.
Unofikelelo kulwazi lwempilo oluya kukunceda ukuba wenze isigqibo ngempilo yakho kunye nokhetho lokubeleka nogqirha okanye umbelekisi wakho.
Icebo kunye nenkxaso yomnxeba iyafumaneka ukuba ngaba uhlangabezana neengxaki ngexa leeveki ezimbalwa lokuba ngumzali.
Nceda qaphela: Inkqubo isimahla kumalungu kwaye iibhenefithi eziqhelekileyo zokukhulelwa zisekhona. Inkqubo inika amalungu iibhenefithi ezininzi kodwa ke ayingeni endaweni yecebo elilungileyo lezonyango kunye nokhathalelo olufunyanwa ngamalungu koogqirha bawo.
Ndiyibhalisela njani inkqubo?
Ingaba uzikhangela kaninzi kanganani ungxamile iibhenefithi zakho? Siyazi ukuba oku kuhlala kungxamisekile kwaye sisebenzise iingqondo zethu ukufumana isisombululo.
Isebenza njani?
Ukuba ngaba umyalezo wakho we-SMS awuphumelelanga, uyakufumana impendulo evela kwa-GEMS ecacisayo ukuba kutheni. Ungayilungisa ke impazamo uze uthumele i-SMS entsha ukuze ufumane ulwazi olufunayo. Ngayo nayiphi na imibuzo, nceda uqhagamshelane neZiko eliTsalelwa iminxeba le-GEMS ku-0860 00 4367.
I-GEMS iphuhlise iinkonzo zokuhluzela impilo kumasebe, eqale ngomhla woku-1 Meyi 2009. Amalungu aza kuxhamla kweli thuba lifikelelekayo ukuze ahluzelwe iingozi ezikhoyo kunye nezinokubakhona zempilo ngobugcisa emisebenzini yabo. Injongo yethu kukwenza ukuba amalungu abe nako ukubona iingozi zempilo kusekwangoko ukuze ukuqhubela phambili kwesifo kuthintelwe okanye kuncitshiswe.
Abasebenzi bakarhulumente okwangoku abangengawo amalungu e-GEMS nabo bayakuba nako ukusebenzisa le nkonzo ikhethekileyo.
Kwenzeka ntoni ngosuku lokuhluzelwa ukuphila?
Ekumenyweni lisebe lakho, amagcisa okhathalelo lwempilo e-GEMS ayakumisela indawo yokuvavanyelwa impilo kwisebe lakho. Bonke abasebenzi abakwindawo baya kuba nako ukuza ngokuzithandela kuhluzo lwempilo usuku lonke.
Amagcisa okhathalelo lwempilo aya kubakhona ukuze axoxe ngembali yakho yempilo kwaye enze iimvavanyo zohluzo lonyango. Iziphumo zeemvavanyo kunye nembali ziyakuxoxwa kubantu ngabanye kwaye kuyakunikwa icebo lokuba manyathelo mani na angamanye amawathathwe.
Ngosuku lokuhluzelwa impilo lwe-GEMS, abasebenzi akufunekanga ukuba babeke iindawo ngabanye ngabanye, kuba abasebenzi bezempilo bayakube bebalindele kwindawo leyo. Kufuneka nje ngokulula beze! Ukuphululwa kwentloko nentamo nako kuyakwenziwa kubo bonke abasebenzi ngolo suku njengento eyongezelelekileyo kwisikim sakho sezonyango esigqwesileyo.
Bonke abasebenzi abathabathe inxaxheba kuhluzo lwempilo bayakufumana ulwazi olumalunga neengozi kwimpilo yabo yobuqu kunye namanyathelo ekufuneka athathwe ukuthintela okanye ukunciphisa iingxaki zempilo.
Zeziphi iimvavanyo zempilo eziya kwenziwa?
Uxinzelelo lwegazi.
Iswekile nekholesteroli yegazi (kufuneka ukuhlatywa kanye emnweni koku).
Ubunzima nobude, nesikhombisi sobunzima bomzimba.
Umjikelo wesinqe.
Ukucetyiswa nokunikwa ulwazi ngolo suku
Kwisigaba sesibini soluhlu lwethu lwe-WEB SMART sikuxelela ngokungaphaya ngecandelo elisanda kwaziswa ukuPhila Kwam (My Wellness) le-website ye-GEMS, elikunika lonke ulwazi ngempilo kunye namacebo owafunayo. Unofikelelo kumanqaku anika ulwazi lokuphila kunye nethala leencwadi lonyango elibanzi leempawu, iimeko, iinkqubo namayeza. Fumana isihloko osikhethayo ngokusebenzisa indlela elula yokukhangela. IZiko loNcedo lokuQala linika icebo lokuba ungawathatha njani na amanyathelo akhawulezayo xa kusenzeka ingxakeko yezonyango. Ungade ufunde nokubona iimpawu zesifo sentliziyo nokuba ulusebenzisa njani na uncedo lokuqala.
Cofa kweli qhosha faka ukuze ungene kwi-"ndawo yam yokuPhila", enika ufikelelo kwi: - Zihloko zokuphila - Ithala leencwadi elibanzi - IZiko loNcedo lokuQala
Ezi komiti zezi:
IKomiti yeMisebenzi INceda i-BOT ekuqinisekiseni imisebenzi eyoneleyo yeSikim, efana nokuqokelelwa kwemirhumo, ukuhlawulwa kwamabango kunye nokulawula iirekhodi zamalungu. Le komiti ikwanceda i-BOT ngopapasho kunye nonxibelelwano lwayo.
Ikomiti yeSisa Ex Gratia Ihlola, yenze izigqibo kwaye inike ingxelo ngokuvunywa kweentlawulo zesisa,
Committee njengokuhlawulwa kwamabango amalungu apho iibhenefithi eziqhelekileyo zingafumanekiyo khona. Indlela engqongqo esetyenziswayo iyasetyenziswa xa ikomiti idibana ngenyanga kwaye ithathela ingqalelo iintlawulo zesisa.
IKomiti yoLawulo, imiNgcipheko Iqinisekisa ukuba ulawulo olululo lwequmrhu luyasetyenziswa kwimicimbi nabaNtu abanomdla yeSikim, ngokuqinisekisa ukuba isikim asophuli nawuphi na umthetho ochaphazela imisebenzi yaso. Kufuneka iqinisekise kwakhona ukuba imingcipheko kushishino lweSikim iyachongwa kwaye ilawulwe ngokufanelekileyo kunye nokuba umdla wabo bonke abo banomdla ukhuselwe ngokufanelekileyo.
Ikomiti yeeMbambanoNgokuzimeleyo ithethela ingqalelo kwaye ichophele nayiphi na imbambano enokuziswa kuyo liGosa eliyiNtloko ukuba igwetyelwe.
Ukuba ikontraki yakho yengqesho yeyexeshana, isisigxina okanye iyandiswa kwinkonzo karhulumente kubalulekile ukuba umsebenzi wokugcwaliswa kwamaphepha ekufuneka wenziwe uyenziwa xa ikontraki yakho ivuselelwa kunye nokuba ifakiwe kwinkqubo yabahlawulwayo.Ukuba oku akwenzeki, umvuzo wakho ngeke uhlawulwe kwaye i-GEMS ngeke ibe nako ukuqokelela imirhumo yakho yesikim sonyango. Oku kunokukhokelela ekunqunyanyisweni kweebhenefithi kunye nokwaliwa kwamabango akho eendleko zakho zonyango.
Landela la manyathelo angasezantsi ukuxela ubuqhetseba:
Cofa u-0800 21 2202 (ngaphandle kwentlawulo).
Ungahlala ungaziwa. Nika iinkcukacha ezipheleleyo zesehlo kulowo uphendula umnxeba. Iinkcukacha ezinjalo zinokuquka: ubani, intoni, njani, phi, nini kunye nexabiso elibandakanyekayo.
Ukuba ngaba iyavuselelwa ikontraki yakho, kufuneka ufumane ukuqinisekiswa kwicandelo lakho le-HR lokuba uluhlu lwabahlawulwayo luhlaziyiwe ukuze ubulungu bakho be-GEMS buqhube ngaphandle kokuphazamiseka.
Ixesha lawo onke la manyathelo libalulekile kwaye kufuneka uthethe nommeli we- GEMS ukuba ngaba unabo nabuphi na ubunzima.
I-GEMS iqokelela imirhumo yesikim sonyango ngenyanga ngokuba itsalwe kumvuzo wakho, oko okwenziwa kuluhlu lwentlawulo lomqeshi (kwiimeko ezininzi i-Persal).
Ukuba ngaba imirhumo yakho yenyanga ayihlawulwanga igqitywe (njengokuba ube semva), i-GEMS inokusiqokelela isixa osemva ngaso ngokutsalwa komvuzo ngeletroniki. Utsalo luyaziphumela ngokuzenzekelayo ngaphandle kokuba wena wenze nantoni na. Koko, msinyane nje ukuba ingahlawulwa ngaphezu kweenyanga ezintathu imirhumo yakho, ngeke sibe sakwazi ukuyitsala ngeletroniki, kuba uluhlu lokuhlawula alusakuvumeli oku.
KHUMBULA: Ukuba ngaba imirhumo yakho ayihlawulwanga ngokupheleleyo inokukhokelela ekunqunyanyisweni kweebhenefithi zakho kwaye oku kunokwenza ukuba amabango akho aliwe.
Ukuba ngaba uya kuzo nakweziphi na iingcali ezithabatha inxaxheba kwiprojekithi yolingo, ziyakukuxelela ngokuthabatha kwazo inxaxheba phambi kokuba zinike ukhathalelo lonyango kuwe nakubaxhamli bakho.
